Untitled
Transkript
Untitled
Ukubeka iSiseko esiQinileyo: INtetho yoLwabiwo-mali yoRhulumente woMmandla 2010/11 Anton Bredell, UMphathiswa woRhulumente woMmandla, iMicimbi yokusiNgqongileyo neZicwangciso zoPhuhliso 24 kuMatshi ka2009 Somlomo oHloniphekileyo Nkulumbuso eHloniphekileyo yeNtshona Koloni Balingane beKhabhinethi yePhondo Malungu eNdlu yoWiso-mithetho yePhondo OoSodolophu abaPhezulu Mahlakani kuRhulumente woMmandla Zindwendwe zethu eziMenyiweyo Manene nani Manenekazi Mnu. uSomlomo, ndingathanda ukucela ukubuza iNdlu le umbuzo: Siza kushiya ntoni kubantwana bethu? Ingaba baya kuba nazo izixhobo zikamasipala ezibanika amanzi acocekileyo, okanye ingaba baya kuguliswa ngamanzi? Ingaba siya kukwazi na ukudlulisela kubo ukuziphatha okusexabisweni kokunyaniseka, ukusebenza nzima, nobukrelekrele bokungafihlisi, okanye siya kuba ngumzekelo wokuzicingela ezethu iziqu kwakunye nesimilo esikhohlakeleyo? Ingaba siya kushiya ngasemva omasipala abanempumelelo, oomasipala abakwaziyo ukuphendula, okanye oomasipala abachitha-chitha amandla obutyebi/ubuqili nabangamameliyo ebantwini? Kufanelekile ukuba sicinge ngezi zinto, ngoba sakha isiseko sabantwana bethu. Esi siseko singabavumela ukuba bazalisekise amandla angabonakaliyo akubo okanye ibalungiselele intsilelo. Ingaqinisekisa ukuba bonke banawo amathuba alinganayo okuphumelela, okanye ingasingela phantsi amaphupha abo. 1 NjengoMphathiswa woRhulumente woMmandla, ndiyazi ukuba uRhulumente woMmandla usondele kakhulu ebantwini. Kufuneka simenze alunge ukuze sizingce ngoko sikushiyela abantwana bethu. Iinkonzo ezisisiseko zikaMasipala Mnu Somlomo, enye yezinto ekufuneka siyenze ilunge luxhobiso lweendlela nemibhobho nemijelo yothungelwano lwamanzi ahamba ngaphantsi komhlaba olusinika ezona nkonzo zisisiseko zethu. Kufuneka silondoloze oko sinako, kufuneka sakhe izixhobo ezintsha, yaye kufuneka sibe nabantu abangamachule amagcisa koomasipala. ISebe lam lisebenze nzima kule miba. Ndiye ndacela iSebe lam ukuba liphuhlise iSicwangciso esinoBuchule seZixhobo eZininzi saManzi nokuCocwa kwawo kwiPhondo, yaye ndanelisekile ukuthi senze inkqubela-phambili elungileyo. Sigqibe ukwenza ingxelo yokutshayelela ethi sidinga kangange- R16 billion ukuze silungise intsilelo yethu. Sigqibe ingxelo yezemali ethi sidinga inkxaso-mali engaphezulu evela kurhulumente kazwelonke, kodwa iphinda ithi oomasipala kufuneka basebenzisa ubutyebi bengeniso yabo ekhoyo ngendlela engcono. Njengokuba ndithetha, izithili ezintlanu zikamasipala kwiProvinsi zikwinkqubo yokwenza izifundo ngokunokwenzeka okuya kuthi kwakhe isisekelo seSicwangciso soBuchule (Master Plan). ISicwangciso soBuchule siya kusixelela emakwakhiwe, nokuba ingakanani na indleko yaso, bangaphi na abantu emabaqeqeshwe ukusiqhuba esi sicwangciso, singasixhasa njani na ngemali, nokuthi singasiphumeza njani na. Iya kusinceda sakhele ikamva lethu, sakhele nabantwana bethu. Ukongeza kwiSicwangciso soBuchule, iSebe lam liya kunceda oomasipala ukuphuhlisa izinto zeencwadi zobhaliso zazo zonke izinto zezixhobo. Oku kuya kuqukanisa ulwazi ngobom bezixhobo kunye nokuhla kwezinga lendleko yazo. Olu lwazi luya kuba nempembelelo enkulu kulwabiwo-mali lukamasipala, ngoba luya kuxelela oomasipala ukuba lungakanani na ulwabiwo ekufuneke lunikezelwe ekulondolozweni kwezinto zethu ezixabisekileyo. 2 Siyazi ukuba singazilondoloza kuphela izixhobo zethu xa sinezakhono ezilungileyo. Ngako oko siya kube sisenza uphicotho lwabo bonke ubuchule bobugcisa obukumasipala size kamva, sikunye namahlakani ethu iBhanki yoPhuhliso ye-Afrika eseMazantsi (Development Bank of Southern Africa -DBSA) kunye neSebe leMicimbi yaManzi, siphuhlise isicwangciso sexesha elide ukwakha ezo zakhono komasipala. Akufuneki sakhe kuphela izixhobo ezintsha, kufuneka kwakhona sakhe nabantu. ULawulo lweNtlekele Mnu uSomlomo, ndibuze ukuba ingaba abantwana bethu baya kufumana amanzi acocekileyo na kwixesha elizayo. Umbuzo obaluleke nangaphezulu nanku, ingaba baya kuba namanzi na ngexesha elizayo? ISithili sase-Eden siye sabanjwa kakhulu yiyona mbalela yakhe yambi ukusukela kwiminyaka engama-132. IZiko lam loLawulo lweNtlekele kwiPhondo (PDMC) lisebenze ngokusondelelana neMossel Bay, iGeorge, iKnysna neBitou ukulwa ngempumelelo nale mbalela. Ndanelisekile ukuthi asilwi kuphela neli xesha lobunzima likhoyo, kodwa siya qinisekisa kwakhona ukuba abantwana bethu abakwiGarden Route baya kuba namanzi awoneleyo kwixesha elizayo. IZiko lam loLawulo lweNtlekele likwazile ukuhlanganisa i- R195 million kwinkxaso-mali yokunika isiqabu kwimbalela, yaye le nkxaso-mali iyasetyenziswa ukuphumeza iiprojekthi ezisaqalisayo. IKnysna seyimisele umzi-mveliso wayo wokuqala wokususa ityuwa eSedgefield, nomnye umzi-mveliso wokususa ityuwa eBitou kwakunye naseKnysna ngokwayo. Oomasipala abangaselunxwemeni bona baphumeza iiprojekthi zokusebenzisa kwakhona amanzi asele esetyenzisiwe (water recycling projects), yaye kwixesha elizayo iipesenti ezingama-20 zamanzi wabo ziya kuza zivela kwezi projekthi. Siya kuqhubeka sincedisa aba masipala njengoko bephumeza iiprojekthi zabo zengxakeko (emergency projects) phakathi ku 2010/11. Sifunde kakhulu kula mava. Sicela oomasipala kwiPhondo ukuba baqinisekise ngokuba imigaqo yoluhlu lwerhafu yabo iquka iirhafu zamaxesha kaxakeka, yaye sicela wonke umntu kubo aphuhlise isicwangciso solawulo lwembalela. 3 Undoqo/impendulo yokulawula iintlekele kukuzicwangcisela-ukuchonga imingcipheko yengozi, ukuzixoxa, yaye uzilungiselele. Sibonelela ngoqeqesho koomasipala ekucwangciseleni iintlekele phakathi kuMatshi, yaye siya kube sinceda bonke oomasipala abangama-30 ukuba balungiselele iZicwangciso zoLawulo lweNtlekele njengenxalenye yeZicwangciso eziManyeneyo zoPhuhliso. Kwakhona senza izicwangciso zentlekele zeNdebe yeFIFA yeLizwe ka2010 (2010 FIFA World Cup). Esi siganeko siya kubeka ucinezelo olukhulu eNtshona Koloni kwiinkonzo ezifana namanzi, nokubonelela ngombane nezempilo kunye neendlela zezothutho. IPDMC iye, ngokuhlangana noomasipala bonke nabaxhasi-zinkonzo abafanelekileyo, balatha iingozi ezifanelekileyo yaye baphumeza izicwangciso zokunciphisa ezo ngozi. Kufuneka sihlale silindele nayiphi na intlekele kwesi siganeko sika-2010. Mnu. uSomlomo, ndingathanda ukwazisa kuni uGerry the Giraffe. UGerry unentamo ende yaye uyakwazi ukubona iintlekele zisekude. Siphuhlise eli khubalo ukuze sifundise abantwana bethu ngeengozi zomlilo nezikhukula zamanzi nokubaxelela emabakwenze xa kukho intlekele. IPhulo loKwazisa ngoMlilo neSikhukula lifikelele kwizikolo ezili-13 kubafundi abangama-3,876 ngexeshana lenyanga enye. Oku kwaquka ukhuphiswano lwemibongo nomboniso wemfundo. Abantwana bawuthanda lo mboniso balufunxa ulwazi olubanika amanqaku ngokhuseleko kunye neenombolo zengxakeko. Siya kulandisa eli phulo phakathi ku2010/11 ukuze sikwazi ukufikelela kubafundi abaninzi ngaphezulu. Ndingathanda ukuthatha eli thuba ndibuleIe bonke abantu abachithe iiyure ezinde, ezishushu besilwa nayo yonke imililo ngexesha lehlobo elidlulileyo. Sandisa amandla ethu okuxhasa le nkonzo ibaluleke kangaka. Siya kulungelelanisa ukuqaliswa koqeqesho olwahlukahlukeneyo kwiPhondo lonke yaye siya kupapasha imiyalelo eya kunceda oomasipala ukuba bakwazi ukufezekisa iinkonzo zomlilo. Oku kuya kuqinisekisa ukuba inkonzo ephumelelayo nethabathekisayo iya bonelelwa kubantu. Senza ezi zinto ngenxa yokuba abantwana bethu bafanele ukuhlala phakathi koluntu olukhuselekileyo kwiintlekele. 4 INkxaso yokuXhotyiswa Mnu uSomlomo, ukuba sifuna ukwakha isiseko esiluqilima sabantwana bethu, ngoko kudingeka sakhe oomasipala abaqinileyo, nabanoxanduva lokuphendula. Sinomsebenzi omninzi emasiwenze ukuba sifuna ukuzuza oku. Into yokuqala ekufuneka siyenze kukuqinisekisa ukuba ooceba bakamasipala namagosa bamelwe kukuphendula ebantwini. Enye yeendlela zokwenza oku kukwakha iindlela zolawulo lokwenziwa komsebenzi eziphumelelayo. Kulo nyaka uphelileyo sixhase oomasipala abali-19 ukuze baphucule iindlela zabo zokulawula ukwenziwa komsebenzi, yaye siphuhlisa izalathisi zokwenziwa komsebenzi kwiiwadi komiti. Kunyaka olandelayo siza kuqhubeka sixhasa oomasipala ekuphuculeni nangaphezulu iindlela zokulawula ukwenziwa komsebenzi wabo. Kwinyanga edlulileyo, iSebe lam lihambele bonke oomasipala ukuze libabuze ukuba loluphi na uxhobiso olungundoqo abajamelene nalo. Oku kwakhe inxalenye yenkqubo kurhulumente woMmandla kazwelonke ebizwa ngokuba yiNational Local Government Turnaround Strategy process. ISebe lam liya kuthatha lonke ulwazi olunikezelwe ngoomasipala lize libonelele ngenkxaso eyenziwe kakuhle yoomasipala. Siya kwakha ‘’ulawulo oluyintloko lobuchule” apho iingcaphephe ziya kuvela khona ziphoswe koomasipala ngesaziso esifutshane. ISebe lam liqinise unxulumano lwalo neBhanki yoPhuhliso yaseMazantsi e-Afrika (DBSA). I-DBSA ibonelela ngenkxaso efumanekayo koomasipala baseKannaland, iMatzikama, iBergrivier, iCederberg neSaldanha Bay ngokukhutshwa kweemali, isicwangciso nokumiselwa kweengcaphephe zobunjineli. Ukuthetha noLuntu Mnu uSomlomo, ngoSeptemba ka2009 ndathumela iSebe lam lonke ukuba liphume liye entsimini njengenxenye yenkqubo ye-Turnaround Strategy. Bangena iminyango ngeminyango bebuza abantu ukuba kuya bonwabisa na ukukhutshwa kweenkonzo zikarhulumente nokuba ingaba banengcinga ezithi umasipala uyabamamela na. 5 Abanye oomasipala benza kakuhle kakhulu kule miba. Kodwa Mnu. uSomlomo, uninzi lwabantu bethu bathi abazi ukuba ngubani na okwiwadi komiti zabo, nokuba izikhalazo eziphakanyiswa kwiintlanganiso zeewadi komiti azihanjiselwa phambili ngumasipala, nokuthi ooceba bewadi ababuyeli kubo kwakhona nengxelo, yaye abafumani zimpendulo zibhekisele kwizikhalazo zabo ngokukhutshwa kweenkonzo. Ndikhathazekile ngoku ngoba ukuba noxanduva lokuphendula kusembindini wolawulo olulungileyo nokukhutshwa kwenkonzo. Kulo nyaka uzayo, iSebe lam liza kuncedisa oomasipala ukuba baphuhlise nokuze baphumeze ubuchule bothungelwano olunempumelelo. Liya kuqhubeka libonelela ngenkxaso noqeqesho kuthatho-nxaxheba loluntu yaye liya kuqeqesha amalungu eewadi komiti. Kufuneka sishiye abantwana bethu neenkqubo zikarhulumente wommandla okwaziyo ukumamela abantu aze aphendule kubo. Isicwangciso esisekelwe kwizimvo zabahlali Mnu. uSomlomo, uphando lwethu lwe-Turnaround Strategy ngoSeptemba kwakhona lavelisa ukuba abantu ababoni nguqu ibonakalayo ekuhlaleni. Kubo, iSicwangciso soPhuhliso oluManyeneyo (IDP) luxwebhu nje. Alithethi nto ebomini babo. Ngoku, Mnu uSomlomo, ndiyazi ukuba kunyaka-mali odlulileyo bonke oomasipala abangama-30 eNtshona Koloni bangenisa ii- IDPs zabo, nokuba abangama-28 kwaba bangama-30 bafunyaniswa befanelekile ukuba basifanele iSicwangciso soPhuhliso oluManyeneyo noluthembekileyo (credible IDP). Ndicinga ukuba oku kuyimpumelelo enkulu, kodwa ukuba ne-IDP ethembekileyo akuthethi ukuba i-IDP iyathetha kubantu abasezantsi. Abantu bethu kufuneka babone ukuba i-IDP yabo iza kubuphucula njani na ubom babo. Kungesi sizathu okubangela ukuba mandigxininise ngenkxaso yam koomasipala ngesicwangciso ngesicwangciso esisekelwe kwizimvo zoluntu. Ndicele umasipala ngamnye ukuba ajolise kwiaadi elihluphekileyo yaye aqinisekise ukuba isicwangciso sewadi salo mmandla sibhalwe phantsi. Isicwangciso kufuneka salathe iinguqu ezithile 6 eziya kwenzeka kolo luntu kunyaka olandelayo. Le ndlela yokuvelela kufuneka inabele kuzo zonke iiwadi emva koNyulo loRhulumente woMmandla ka2011. Siza kuqhubeka siphucula ii-IDP iyonke. Icandelo le-IDP yam lancedisa oomasipala abasi-8 ukuphucula ii-IDP zabo, saza sagqiba inkqubo yoQeqesho oluneziQinisekiso lwee-IDP zokuqala zePhondo kwilizwe lethu. Bangama-24 bebonke oomasipala abazuzileyo kule nkqubo. ULawulo olulungileyo Mnu uSomlomo, kulo nyaka uphelileyo ndandikhathazeke kakhulu sisimilo sabanye ooceba bethu. Igunya liye latshintshwa ngokuphinda-phindeneyo kwezinye iikhansile zomdibaniselwano, ooceba bakusebenzisa oku njengethuba lokwenza amabango anenzuzo ngakubo buqu kodwa asisithintelo kumasipala. Basusa amagosa anesakhono sokusebenza kamasipala baze banyule abantu abathandwa ngabo. Singakubiza oku ngeendlela ezininzi: ukukhetha izalamane, ukukhetha abahlobo bakho, okanye ukumiselwa kwamalungu omkhosi. Andiyibizi kakuhle. Ndingathanda ukuvuyisana nabo masipala apho oku kungenzekiyo. Nandlala umzekelo omhle kubantwana bethu. Nibafundisa ukuba baya kuphumelela ebomini ukuba bafunda ngamandla basebenze nangokuzimisela. Nibafundisa ukuba baphumelele ngokwemfaneleko esekiweyo hayi ngenxa yokuba ngabahlobo noosopolitiki. Ndinika amandla uxhobiso lweSebe lam lokubek’esweni ezi ndlela zentsingiselo zikamasipala nokuthatha isenzo esinempumelelo. Ezinye iiKhansile zithatha izigqibo ezicacileyo ukuba zingaphandle komthetho ngokupheleleyo. Babamba iintlanganiso baze bathathe izigqibo ngaphandle kwenani elifunekayo labantu bokuthatha isigqibo (quorum). Basusa abaphathi abanezakhono ngaphandle kwezizathu eilungileyo. ISebe lam liza kuqinisekisa ukuba iiKhansile ziza kwenza ngokwasemthethweni yaye ndiya kuthatha amanyathelo aqinileyo ukuba abayenzi loo nto. 7 Kulo nyaka uphelileyo ndathi indlela yokulwa nenkohlakalo nobuqhetseba kukuyithintela ingenzeki kwakuqala. Ndiya zingca ukuthi iSebe lam lidlulile ngokwenza malunga nalo mbandela. UQeqesho loLawulo olulungileyo lwenziwa koomasipala abali-10. ISebe lanikezela ngoqeqesho koomasipala abasi-8. loLawulo lweMikhwa Sabonelela eseSikweni kwakhona ngoncedo (Ethics Management) koomasipala abasi-7 ekuphuhlisweni koBuchule bokuChasana neNkohlakalo neZicwangciso zokuZiphumeza. Kunyaka olandelayo, iSebe lam liza kwenza uPhando ngobuQhetseba neMikhwa eseSikweni koomasipala abangama 29 beziphaluka nezithili.. Liya kwenza nendibano yokwabelana ngezimvo yeentsuku ezimbini koomasipala abali-11 ukuncedisa ngokuphunyezwa kweZicwangciso zokuThintela uBuqhetseba. Iindibano zokwabelana ngamava ziya kubonisa oomasipala ukuba luqaliswa njani na uphengululo nokuba imiselwa njani na ikomiti eyakuqinisekisa ukunamthela kwimikhwa esesikweni nasekusebenzeni ngaphandle kobuqhetseba ngaphakathi kumasipala. Ngokufutshane, siya kufundisa abantu ukuba bubonwa njani na ubuqhetseba nenkohlakalo nokuba kwenziwa njani na ukukhawuleza wenze into ngabo ngempumelelo. Kufuneka sishiye imbali yorhulumente ococekileyo. Ukuthatha iinkonzo uzise ebantwini Mnu. uSomlomo, abantu bale Provinsi badinga ukukwazi ukufikelela kwiinkonzo zikarhulumente nakwimisebenzi. Yimfanelo yethu njengorhulumente ukuqinisekisa ukuba siya bafikelela ngeenkonzo zethu, oku kuyinyaniso eyodwa nakwimimmandla esemaphandleni. Kulapho aBasebenzi bethu boPhuhliso loLuntu bangena khona. Njengesiphumo somsebenzi wabo, abantu bafumana inkxaso-mali yokukhubazeka, yenkam-nkam, nenkxaso-mali yabantwana. Bafumana ulwazi olubalulekileyo kwiindibano zokwabelana ngamava, umzekelo ngothintelo lwe-HIV / AIDS okanye ukuqalisa ishishini elilelakho. Mandinikezele ngale mizekelo mibini yempembelelo echanekileyo yomnye wee CDWs. uWelile Mbonja, iCDW ekhubazekileyo, wancedisa abahlali bakwaLanga ukuba bamise 8 uMasincedane Association kwaLanga, umbutho ongaphili ngokwenza ngeniso. Oyena ndoqo wenjongo zalo mbutho kukunika igunya kwabo bakhubazekileyo ngeenkqubo zokuphuhlisa izakhono kunye namanyathelo okuxhotyiswa kwezakhono. UWelile wakwazi ukunyusa imali engange R73, 000 evela kwa- Eskom ne R19,600 evela kwiSebe lezoPhuhliso lweNtlalo ukuze kufumaneke izinto zokuthunga namafele (leather). UWelile kwakhona waqalisa iqela/iklabhu yebhasketbholi yababopheleleke esitulweni esinamavili ebizwa ngokuba zii “Shining Stars”. U-Anna Simons, iCDW esuka eKalbaskraal, yalatha abafundi abasi- 8 abanabazali babo bangenamali yokuthenga iyunifomu yesikolo. Ngenxa yongenelelo luka-Anna, umama onguSomashishini, uceba kamasipala, neZiko loLuntu iKraaltjie bahlanganisana baze bazithenga ezi yunifomu zesikolo. Khawufan’ucinge ngempembelelo ebomini baba bantwana nempembelelo yokuba izenzo ezincinci zingakwazi ukuba nokwenza abantwana bethu bafikelele kwawona mandla banawo. Ndichwayitile kukuba imfanelo yamaziko iThusong Centres idluliselwa kwiSebe lam, ngenxa yokuba iCDWs zilikhonkco elibalulekileyo phakathi kwaMaziko eThusong nabahlali. IiCDWs zenza abantu baqonde ngeenkonzo ezifumanekayo kula Maziko, basebenzisa la Maziko kwindibano zokwabelana ngamava, yaye bayawunabisa umsebenzi wala Maziko uye kufikelela kubantu abasemaphandleni. Ukuba umntu uhlala kude neThusong Centre kodwa edinga ukufaka isicelo senkxaso-mali, ngoko umsebenzi weCDW angabonelela ngefomu efanele igcwaliswe, athathe ifomu ayise kwiThusong Centre, aze emva koko anikezele ngengxelo yesiphumo seso sicelo. Ngokwenyani, iiCDWs baziingalo zokubizela abantu kwezi Thusong Centres. Ndineenjongo ezintathu ngezi Thusong Centres kulo nyaka uzayo. Ndiya kuzenza ukuba zime zingagungqi ngokwasezimalini ukuze zibonelele ngeenkonzo kakuhle zexesha elizayo. Ndiya kuyiqinisa inkonzo yokumemelela esele isenziwa ziiCDWs. Okokugqibela, ndifuna la Maziko abe ziindawo apho abantu banokufumana khona imisebenzi baze bafunde ukuqalisa amashishini abo. Amaziko ali-11 sele eneeprojekthi azidalileyo zemisebenzi okanye sele bonelela ngoqeqesho loshishino, yaye ndiza 9 kukwandisa oku. La Maziko eThusong kufuneka abe yimithombo yoncedo nethemba, hayi kwisizukulwana sethu sodwa kodwa nelabantwana bethu. URhulumente woMmandla ongaGungqiyo Mnu. uSomlomo, ndixhalabile kakhulu ngendleko ebizwa kukuqhutywa kukamasipala nokukhupha iinkonzo. Ndiya kholwa ukuba oomasipala abaninzi eNtshona Koloni bazimisele kakhulu ekusombululeni imiceli-mngeni yophuhliso lwabo. Kodwa ukusombulula intlupheko nokungaphuhliseki ngokupheleleyo kufuna inkxaso-mali ebonakalayo, yaye inkoliso yoomasipala abenzi ngeniso yaneleyo. Ukumiswa konyuso-mali lonyaka kwimivuzo alukho sezandleni zikamasipala wesiphaluka. Ukusuka ngexesha lomhla woku-1 kuJuni 2009 ukuya kumhla woku-1 kuJulayi 2011, imivuzo yabasebenzi bakRhulumente woMmandla iya kube inyuke ngeepesenti eziphakathi kwama 35 nama 38. Abaphathi abaphezulu ngaphandle kwentandabuzo nabo baya kubanga ukunyuswa kwemali okufanayo. Oku kushiya oomasipala bengenakuthini kodwa kufuneka benyuse iirhafu zabo, imirhumo eentlawulo zenkonzo. Umphumela woko ke kukuba umthwalo weerhafu neentlawulo ziya ziba nzima kakhulu kubantu. Ndikhathazeka kakhulu koku, yaye kwakhona nangendlela ezimiswa ngayo iirhafu zemihlaba. Kufuneka sihlole kwakhona indlela iSALGA ethetha-thethana ngayo nabanamagunya emimmandla ngoba asikwazi kuqhubeka ngale ndlela ebonakala ngathi ayinakugcinakala. Kufuneka kwakhona sivavanye iindlela esizisebenzisayo ukuvavanya iirhafu zemihlaba, ngoba oku kufuneka kube nobulungisa yaye kufuneka kuqinisekiswe ukuba asigxothi bantu kumakhaya abo. Kufuneka sishiyele abantwana bethu imbali eluqilima yezemali, ii-akhawunti zikamasipala ezikwaziyo ukuhlawuleka, kodwa ngaxeshanye oomasipala abanemali yokuzisebenzela. 10 Ukusebenzisana komnye nomnye Mnu. uSomlomo, ekuqalekeni kulo nyaka iPhondo latshintsha ulawulo lwalo nokumila kweendawo zembutho ezingaphakathi kwamasebe karhulumente. IMbutho yeNkulumbuso yoLungelelaniso imele ukuba ibe yindawo apho oomasipala nePhondo babanothetha-thethwano khona. Izinto ezikwi-Agenda zinokuphakanyiswa zizo zombini iphondo norhulumente wommandla, akukho bani ukhethekileyo. Sizenzile ezi nguqu saza sahlanganisa kathathu iiMbutho zokuLungelelanisa zeNkulumbuso. Umoya neengxoxo kwezi mbutho zibe zeziqinisekileyo nezithembisayo, yaye ndijonge phambili kwiingxoxo ezizayo ezinemveliso entle noomasipala kunyaka ozayo. IsiPhelo Ukugqibezela, Mnu uSomlomo, yimfanelo yethu ukucinga ngengomso, kuba ungomso ngowabantwana bethu. Ndingathanda ukuba ndenze isibhambathiso kubantwana bale Provinsi: Ndiya kwenza konke okusemandleni am ukuqinisekisa ukuba ngenye imini niya kulifumana ilifa loomasipala abamamelayo baze baphendule kuni abakhupha iinkonzo ezifanelekileyo. Ndiza kukhuthaza ulawulo lukamasipala oluvulelekileyo nolukhanyayo nolucocekileyo. Ndiya kwenza konke endinakho ukwakha isiseko esiqinileyo ukuze nikwazi ukufikelela ezinkwenkwezini. 11
Benzer belgeler
PUBLIC SERVICE COMMISSION
Umceli ofuna ufikelelo kwiirekhodi equlethe ulwazi lobuqu olumalunga nomceli
akufunwa ukuba ahlawule imali yesicelo. Wonke omnye umceli kufuneka
ahlawule imali yesivcelo engama-R35 (ehlawulwa kumaz...
umurimo w`ibwirizabutumwa n`ubuvuzi
Bahugura abantu mu ruhame, kuko ibyabo biri mu mucyo, ni iby’Imana, kandi
nta nyungu bashaka ku bantu. Insanganyamatsiko yabo ni "Kwirinda kuruta
kwivuza."
Berekana aho indwara zituruka, kuko ziter...
ZUL60-0308 Ukwahlukaniswa koMoya VGR
masingasho nelilodwa izwi eliyoba ngelingafanele. Kodwa
kwangathi singaba nezinhliziyo eziqotho nezingqondo
ezivulekile ukuze semukele izinto engeyaKho, ukuze sikwazi
ukuphumela ngaphandle singene ...